Siyakudumisa

1 views

Lyrics

Siyakudumisa Thixo
 Siyakuvuma ukuba unguYehova
 Umhlaba wonke ubhedesha wena
 Uyise ongunaphakade
 Zonk'ingelosi zimemeza kuwe
 Kwanezulu nawo onke amandla akulo
 Ikherubhim' neserafine zimana zimemeza kuwe
 Uyingcwele uyingcwele uyingcwele Yehova Thixo wemikhosi izulu lizele kwanomhlaba bubukhulu bobungcwalisa bakho
 Umhlambi wobungcwalis' wabapostile uuuyakudumisa
 Amakholwa namahle abaprofeti ayakudumisa
 Umkhosi odumileyo wabafele wena uyakudumisa
 Irhament'egcwele kulo lonke ilizwe
 Iyakuvuma
 Uyise obukhulu bungenambhaliso
 Unyana wakh' emnye odumileyo oyinene
 Kwanomoya oyingcwele umonwabisi
 Ungukumkani wobungcwalisa wena Krestu
 Wena ungunyana ongunaphakade woyihlo
 Uthe wakuba wokonyula umsebenzi wokusindisa abantu
 Akwasidela isizalo sentombi
 Uthe wakuba woyisile ubukhali bokufa
 Wavulela bonke abakholwayo ubukumkani be zulu
 Wena uhleli ngase kunene kuThixo
 Ebungcwaliseni boyihlo
 Siyakholw' ukuba woza ube ngumgwebi wethu
 Siyakuthandaza ngoko siza izicaka zakh' ozithengileyo ngegazi lakho elinqabileyo
 Zenze ukuba zibalw' ndawonye nabangcwele bakho ebungcwaliseni obungunaphakade
 NKos' sindis' abantu bakho
 Uthamsanqelise ilifa lakho
 Baphathe ubaphakamise kude kube ngunaphakade
 Thina Imihla ngemihla sikwenza mkhulu wena
 Sihlala sibhedesha igama lakho kude kube ngunaphakade
 Sincede Nkosi usilondoloze ngalemini singabi Nasono
 Nkosi zusiphathe ngetarhu
 Nkos' itarhu lakho malihle phezu kwethu njengokuba ithemba lethu lukuwe
 Nkosi ndithembe wena mandinyamalala ndidaniswe
 

Audio Features

Song Details

Duration
06:52
Tempo
137 BPM

Share

More Songs by Malibongwe

Similar Songs